Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 15:25-35 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. Kuba umelwe yena kukuthi alawule, ade azibeke phantsi kweenyawo zakhe zonke iintshaba.

26. Olokugqibela utshaba oluya kubhangiswa kukufa;

27. kuba izinto zonke wazithobela phantsi kweenyawo zakhe. Ke xa athi, Izinto zonke zithotyiwe, kuyabonakala ukuba àkabalwa lowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto.

28. Xa ke zithe zathotyelwa phantsi kwakhe zonke izinto, uya kwandula noNyana ngokwakhe athotyelwe phantsi kwalowo wazithobela phantsi kwakhe zonke izinto, ukuze uThixo abe zizinto zonke kubo bonke.

29. Okanye baya kwenza ntoni na abo babhaptizelwa abafileyo, ukuba abafileyo àbaze bavuke? Yini na ukuba babhaptizelwe nokubhaptizelwa abafileyo?

30. Nathi, yini na ukuba sibe semngciphekweni amaxa onke?

31. Ndisekufeni imihla ngemihla; qondani ngokuzingca kwam ngani, endinako ndikuKristu Yesu, iNkosi yethu.

32. Ukuba ndithe ngokwabantu ndalwa namarhamncwa e-Efese, kundinceda ntoni na? Ukuba abafileyo abavuki, masesisidla, sisela, kuba ngomso siya kufa.

33. Musani ukulahlekiswa. Incoko embi yonakalisa izimilo ezilungileyo.

34. Qabukani kakuhle, ningoni; kuba inxenye inentswela-kumazi uThixo; nditsho kuni ukuba nidane.

35. Wósuka ubani athi, Bathini na ukuvuka abafileyo? Beza benamzimba unjani na?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 15