Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 15:17-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

17. Ukuba ke uKristu akavukanga, loba luyinto engeyanto ukholo lwenu, noba nisesezonweni zenu;

18. ngoko nabalele ukufa bekuKristu, boba batshabalele.

19. Ukuba singabathembele kuKristu kobu bomi bodwa, soba sizezona ntsizana kubantu bonke.

20. UKristu yena kunje uvukile kwabafileyo, waba yintlahlela yabalele ukufa.

21. Kuba ekubeni kaloku kungomntu ukufa, kukwangomntu ukuvuka kwabafileyo.

22. Kuba, njengokuba kuye uAdam bafa bonke, ngokunjalo nakuye uKristu baya kudliswa ubomi bonke:

23. elowo ke kolwakhe uluhlu; intlahlela inguKristu, kamva abakaKristu ekufikeni kwakhe;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 15