Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:7-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

7. Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungáthiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi?

8. Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe?

9. Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.

10. Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona.

11. Ukuba ngoko andithanga ndiyazi intsingiselo yentetho, ndoba ngumbharbhari* kothethayo, nothethayo woba ngumbharbhari kum.

12. Ngokunjalo nani, ekubeni kaloku nizondelela izipho ezizezoMoya, zifuneleni ukuba nibe nazo ngokugqithiseleyo, ukuze lakheke ibandla.

13. Ngenxa yoko ndithi, othethayo ngalwimi zimbi, makathandazele ukuba icace intetho yakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14