Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:4-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Lowo uthetha ngalulwimi lumbi uzakha yena; ke lowo uprofetayo wakha ibandla.

5. Ndiyathanda ke ukuba nithethe ngalwimi zimbi nonke, noko ke ndithanda ngokukodwa ukuba niprofete. Kuba yena oprofetayo mkhulu kunalowo uthetha ngalwimi zimbi, xa lo angayicacisiyo intetho, ukuze ibandla libe nokwakheka.

6. Kunjalonje ke, bazalwana, ukuba ndithe ndeza kuni, ndithetha ngalwimi zimbi, bendiya kuninceda ntoni na, xa ndingathanga ndithethe kuni ndinesityhilelo, ndinokwazi, ndinesiprofeto, ndinemfundiso?

7. Khona kwizinto ezihlokomayo ezingenamphefumlo, ezinjengembande, nohadi, ukuba azithanga zahlule ukuhlokoma kwazo, bekungáthiwani na ukwaziwa oko kubethwayo ngembande, noko kubethwayo ngohadi?

8. Kuba kanjalo, xa ixilongo lithe lalila ngezwi elingaqondakaliyo, ngubani na owoyixhobela imfazwe?

9. Ngokunjalo nani, ukuba anithanga nithethe ngalo ulwimi intetho eqondeka kakuhle, yothiwani na ukwaziwa into enithetha yona? Kuba noba nithethela emoyeni.

10. Nokuba zingaba sezingakanani na ukuba zininzi kwazo iintlobo zeentetho ehlabathini, akukho nalunye kuzo olungenanto luthetha yona.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14