Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:32-39 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

32. Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;

33. kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.

34. Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba àbavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.

35. Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.

36. Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na?

37. Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi.

38. Ke ukuba umntu akazi, makangazi.

39. Ngoko ke, bazalwana, kuzondeleleni ukuprofeta, ningakwaleli ukuthetha ngalwimi zimbi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14