Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:26-38 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

26. Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.

27. Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho.

28. Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.

29. Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.

30. Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.

31. Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.

32. Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;

33. kuba uThixo akangowesiphithiphithi, ngowoxolo; njengokuba kunjalo kuwo onke amabandla abangcwele.

34. Abafazi benu mabathi tu emabandleni; kuba àbavunyelwa bona ukuba bathethe. Kuthiwa mabalulame, njengokuba usitsho nomthetho.

35. Ukuba ke banga bangaqonda into, mabayibuze ekhaya kwawabo amadoda; kuba lihlazo kubafazi ukuthetha ebandleni.

36. Kanene ilizwi likaThixo laphuma livela kuni na? lafika kuni nedwa, kusini na?

37. Ukuba umntu uba ungumprofeti, nokuba uba ungowoMoya, makazazi kakuhle izinto endinibhalela zona, ukuba yimithetho yeNkosi.

38. Ke ukuba umntu akazi, makangazi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14