Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:23-32 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza?

24. Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane;

25. uyaphicothwa ngabo bonke; zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wóthi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.

26. Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.

27. Kanjalo ukuba umntu uthetha ngalulwimi lumbi, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, bangegqithi, kube ngokulandelelana, aze omnye acacise intetho.

28. Ke xa kungekho mchazi-ntetho, makathi cwaka ebandleni; makathethe kuye ngokwakhe nakuThixo.

29. Abaprofeti ke, makuthethe babini, mhlawumbi bathathu, abanye bacalule.

30. Ukuba ke kuthe watyhilelwa into omnye ehleli khona, owokuqala makathi cwaka.

31. Kuba ninako ukuprofeta ngabanye nonke, ukuze bafunde bonke, bavuselelwe bonke.

32. Kanjalo oomoya babaprofeti bayabalulamela abaprofeti;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14