Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 14:16-26 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

16. Okanye, ukuba ùthe wasikelela ngomoya wodwa, wóthini na lowo uhleliyo endaweni yongenakwazi ukuthi, Amen, ekubuleleni kwakho, ekubeni kaloku into oyithethayo engayazi?

17. Kuba okunene wena uyatyapha ukubulela, kodwa onguwumbi akakheki.

18. Ndiyabulela kuThixo wam, kuba ndithetha ngalwimi zimbi ngaphezu kwenu nonke;

19. kodwa ke ebandleni ndithanda ukuthetha amazwi abe mahlanu ngayo ingqiqo yam, ukuze ndibafundise nabanye, kunokuba ndithethe amazwi angamawaka alishumi, ngalulwimi lumbi.

20. Bazalwana, musani ukuba ngabantwana engqondweni; ebubini yibani ziintsana, engqondweni ke yibani ngabantu abakhulu.

21. Emthethweni kubhaliwe kwathiwa, Ndiya kuthetha kwaba bantu ngalwimi zimbi nangamlomo wumbi; noko ndiya kwenjenjalo, abayi kundiva, itsho iNkosi.

22. Ngoko ke iilwimi ezi zikho ukuba zibe ngumqondiso kwabo bangakholwayo, kungekubo abakholwayo: ke sona isiprofeto asisesabangakholwayo, sesabakholwayo.

23. Ukuba ngoko lithe lahlangana ndawonye ibandla liphela, bathetha bonke ngalwimi zimbi, kwaza kwangena abangenakwazi, nokuba ngabangakholwayo, abasayi kuthi na, niyageza?

24. Ke ukuba bathi bonke baprofete, kuze ke kungene umntu ongakholwayo, nokuba ngongenakwazi, uyohlwaywa ngabo bonke, adane;

25. uyaphicothwa ngabo bonke; zize ngokunjalo izinto ezifihlakeleyo zentliziyo yakhe zibonakalaliswe; wóthi ngokunjalo, esiwa ngobuso, amnqule uThixo, exela ukuba uThixo uphakathi kwenu okwenyaniso.

26. Kuthini na ke ngoko, bazalwana? Xa sukuba nihlangene, uthi elowo kuni abe nengoma, abe nemfundiso, abe nalulwimi lumbi, abe nesityhilelo, abe nokuchaza intetho. Mazithi zonke izinto zenzelwe ukuba lakheke ibandla.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 14