Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 13:9-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kuba siyazi ngokuyinxenye, siprofeta ngokuyinxenye.

10. Xa kuthe ke kwafika okuzalisekileyo, kuya kwandula ukuphuthiswa okuyinxenye.

11. Oko bendingumntwana, bendithetha ngokomntwana, bendiqonda ngokomntwana, bendicamanga ngokomntwana; ndithe ke, ndakuba yindoda, ndazibhangisa izinto zobuntwana.

12. Kuba ngoku sikhangela esipilini ngokwamanakanibe; oko ke, siya kukhangelana ebusweni. Ngoku ndazi ngokuyinxenye; oko ke ndiya kwazi kakuhle, njengoko ndaziwayo nokwaziwa nam.

13. Kungoku ke kuhleli ukholo, ithemba, uthando, ezo zinto zontathu; eyona inkulu ke kuzo apho luthando.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 13