Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 12:8-17 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. kuba omnye okunene uphiwa ngaye uMoya ilizwi lobulumko; kodwa ke omnye, ilizwi lokwazi kwangokwaloo Moya;

9. wumbi ke uphiwa ukholo kwangaloo Moya; omnye ke, izibabalo zeziphiliso kwangaloo Moya;

10. omnye ke uphiwa iintsebenzo zemisebenzi yamandla; omnye ke iziprofeto; omnye ke, ukucalula oomoya; wumbi ke, iintlobo zeelwimi; omnye ke, ukucaciswa kweelwimi.

11. Zonke ke ezo zinto zisetyenzwa kwangaloo Moya mnye; umabela elowo ngokwakhe njengoko athandayo.

12. Kuba, kwanjengokuba umzimba umnye, unamalungu amaninzi, abe ke onke amalungu aloo mzimba mnye, emaninzi nje, emzimba mnye, ukwanjalo ke noKristu lo.

13. Kuba thina sonke sabhaptizelwa mzimbeni mnye ngaMoya mnye, nokuba singamaYuda, nokuba singamaGrike; nokuba singamakhoboka, nokuba singabakhululekileyo;

14. sonke sasezwa Moyeni mnye; kuba nomzimba lo ungèlungu linye, ungamaninzi.

15. Ukuba luthe unyawo, Ngokuba ndingesiso isandla, andingowasemzimbeni, lúthi, ngenxa yoko, lungabi lolwasemzimbeni na?

16. Nokuba ithe indlebe, Ngokuba ndingelilo iliso, andingowasemzimbeni, íthi, ngenxa yoko, ingabi yeyasemzimbeni na?

17. Ukuba umzimba lo uphela ubuliliso, bekuya kuba phi na ukuva? Ukuba ubukukuva uphela, bekuya kuba phi na ukusezela?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 12