Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 12:25-31 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

25. ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;

26. kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.

27. Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.

28. Wathi inxenye uThixo wayimisa ebandleni, kuqala yangabapostile,* okwesibini abaprofeti, okwesithathu abafundisi; kwaza kwaba yimisebenzi yamandla, kwaba zizibabalo zeziphiliso, iintsizo, izilawulo, iintlobo zeelwimi.

29. Bangabapostile bonke yini na? Bangabaprofeti bonke yini na? Bangabafundisi bonke yini na? Bangabenzi bemisebenzi yamandla bonke yini na?

30. Banezibabalo zeziphiliso bonke yini na? Bathetha ngalwimi zimbi bonke yini na? Bacacisa intetho bonke yini na?

31. Zondelelani ke ezona zibabalo zilungileyo; kanti ke ndisanibonisa eyona ndlela incamisileyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 12