Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 12:18-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

18. Kungoku ke uThixo wawamisa amalungu, lalelo nelo emzimbeni, njengoko wathandayo.

19. Ukuba ke onke ebelungu linye, ubuya kuba phi na umzimba?

20. Kungoku ke maninzi okunene amalungu, kodwa mnye wona umzimba.

21. Alinako ke iliso ukuthi kwisandla, Akufuneki kum; kanjalo intloko ayinakuthi kwiinyawo, Anifuneki kum.

22. Asuka amalungu omzimba angáthi ngaswele amandla kwamanye, abe ngawona afunekayo.

23. Namalungu omzimba esiba ngaswele imbeko kunamanye, lawo ngawona siwabeka embekweni; aze amalungu ethu ahloniphekayo, abe ngawona abekekileyo.

24. Amalungu ethu ke abekekileyo akufuneki nto kuwo. Usuke uThixo wawumanya umzimba, wathi ilungu elingento walibeka kweyona mbeko inkulu;

25. ukuze kungabikho kwahlukahlukana emzimbeni, kubekho ukunyamekelana kwamalungu ngakunye;

26. kuthi, nokuba lilungu elinye eliva ubunzima, avelane amalungu onke; nokuba lilungu elinye elizukiswayo, avuyisane amalungu onke.

27. Nina ke ningumzimba kaKristu, ningamalungu ngokwabelwa izabelo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 12