Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 11:5-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

5. Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kuntonye nokuba uchetyiwe.

6. Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.

7. Kuba indoda okunene ayifanele ukuba nesigqubuthelo entloko, ekubeni ingumfanekiselo nozuko lukaThixo; ke yena umfazi luzuko lwendoda.

8. Kuba indoda ayiphume emfazini, ngumfazi ophume endodeni;

9. kuba indoda ayidalwanga ngenxa yomfazi, kwadalwa umfazi ngenxa yendoda.

10. Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.

11. Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;

12. kuba, njengokuba umfazi ephumé kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphumé kuThixo.

13. Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 11