Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 11:24-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

24. yaza yakuba ibulele, yasiqhekeza, yathi, Thabathani, ndile, ngumzimba wam lo, owaphulelwa nina; oku kwenzeleni ukundikhumbula.

25. Kwangokunjalo yathabatha nayo indebe, emva kokuba kudliwe, isithi, Le ndebe ingumnqophiso omtsha osegazini lam; ngamaxesha onke enisukuba niyisela, oku kwenzeleni ukundikhumbula.

26. Kuba ngamaxesha onke enisukuba nisidla eso sonka, niyisele loo ndebe, niyakwazisa ukufa kweNkosi, ide ifike.

27. Ngoko ke, osukuba esidla eso sonka, ayisele indebe yeNkosi, ngokungafanelekileyo, woba netyala lomzimba negazi leNkosi.

28. Makazicikide ke ngokwakhe umntu, aze ngokunjalo adle kwisonka eso, asele kwindebe leyo;

29. kuba lowo udlayo, uselayo, ngokungafanelekileyo, uzidlela aziselele ukugwetywa, engawucaluli nje umzimba weNkosi.

30. Ngenxa yoku baninzi phakathi kwenu abaswele amandla, nabayimilwelwe, banelè nabalele ukufa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 11