Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 11:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Ngenxa yoko umfazi ufanele ukuba abe nomqondiso wegunya phezu kwentloko, ngenxa yezithunywa zezulu.

11. Kodwa eNkosini apha indoda ayingaphandle komfazi, nomfazi akangaphandle kwendoda;

12. kuba, njengokuba umfazi ephumé kwindoda, ngokunjalo nayo indoda ingaye umfazi; konke ke oko kuphumé kuThixo.

13. Yahlulani nina ngaphakathi kwenu; kumfanele na umfazi ukuthandaza kuThixo, engagqubuthele?

14. Kananjalo imvelo ngokwayo ayinifundisi na, ukuba indoda okunene ethi ibe neenwele ezinde, kulihlazo oko kuyo?

15. Ke yena umfazi, ukuba uthi abe neenwele ezinde, kuluzuko oko kuye; ngokuba wazinikwa iinwele ezinde endaweni yesigqubuthelo.

16. Ke ukuba ubani ubonakala ethanda ukuphika, thina asinasiko linjalo, kwanawo amabandla kaThixo.

17. Ke kaloku, ndinithethela le ndawo nje, andinincomi, ukuba ukuhlangana kwenu ndawonye akusingisi kokhona kulungileyo; kusingisa kokhona kubi.

18. Kuba kuqala ke, nakuhlangana ebandleni, ndiyeva ukuba kubakho izahlukahlukano phakathi kwenu; ndithi ke kufanele ukuba zikho.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 11