Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 11:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Yibani ngabaxelisa mna, njengokuba nam ndixelisa uKristu.

2. Ke kaloku ndiyanidumisa, bazalwana, kuba nindikhumbula ngeendawo zonke, nizibambile izithethe, njengoko ndaninikelayo.

3. Kodwa ke ndithanda ukuba nazi, ukuba intloko yomntu wonke oyindoda nguKristu, intloko ke yomfazi yindoda, intloko ke kaKristu nguThixo.

4. Umntu wonke oyindoda, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, enento entloko, uyayihlaza intloko yakhe.

5. Umntu wonke ke ongumfazi, ethandaza, mhlawumbi eprofeta, engenasigqubuthelo entloko, uyayihlaza eyakhe intloko; kuba oko kuntonye nokuba uchetyiwe.

6. Kuba umfazi, ukuba akagqubuthele, makaselenquthulwa nokunquthulwa. Ke ukuba kulihlazo kumfazi ukuba anquthulwe, mhlawumbi achetywe, makabe nesigqubuthelo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 11