Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:9-19 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

9. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.

10. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.

11. Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.

12. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.

13. Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

14. Kungoko ndithi, zintánda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.

15. Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.

16. Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?

17. Ngokuba thina, síbaninzi nje, sìsonka sinye, símzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.

18. Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, àbadlelani nesibingelelo eso, yini na?

19. Ndíthini na ke ngoko? Ndíthi, isithixo siyinto na? Ndíthi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10