Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:6-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukáyo bona abo.

7. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.

8. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamininye amawaka amashumi mabini anamathathu.

9. Kanjalo masingamhendi uKristu, njengokuba inxenye yabo yahendayo, yaza yatshabalala ziinyoka.

10. Kanjalo musani ukukrokra, njengokuba inxenye yabo yakrokrayo, yaza yatshabalala ngumtshabalalisi.

11. Zonke ke ezo zinto, zabahlelayo bona, beziyimifuziselo; zabhalelwa ke ukululeka thina aba, bafikelweyo ziziphelo zawo amaphakade.

12. Ngoko ke lowo uba umi, makalumke angawi.

13. Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

14. Kungoko ndithi, zintánda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.

15. Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.

16. Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10