Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:21-33 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

21. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.

22. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

23. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.

24. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.

25. Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;

26. kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

27. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.

28. Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

29. Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela?

30. Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?

31. Ke ngoko nokuba niyadla, nokuba niyasela, nokuba nenza yiphi na into, zenzeleni uzuko lukaThixo izinto zonke.

32. Yibani ngabangebawisi nakumaYuda, nakumaGrike, nakulo ibandla likaThixo;

33. njengokuba nam ndikholisa bonke ezintweni zonke, ndingafuni okwam ukulungelwa, ndifuna okwabaninzi, ukuze basindiswe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10