Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:19-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Ndíthini na ke ngoko? Ndíthi, isithixo siyinto na? Ndíthi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?

20. Anditsho! Ndìthi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.

21. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.

22. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

23. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.

24. Makungabikho namnye ufuna okukokwakhe ukulungelwa; elowo makafune nokomnye.

25. Yonke into ethengelwa endaweni yokuthenga inyama, yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela;

26. kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

27. Ukuba ke ubani wakubo abangakholwayo uthi animeme, nithande ukuya, yonke into ebekwa phambi kwenu yidleni, ningaphicothi nto ngenxa yesazela.

28. Kodwa ke ukuba ubani uthe kuni, Le nto ilidini elenzelwe izithixo, musani ukudla, ngenxa ke yalowo uyithe thupha loo ndawo, nangenxa yesazela; kuba umhlaba lo ngoweNkosi, nenzaliseko yawo.

29. Ndithi, isazela ke, singesiso esakho wena; sisesomnye lowo. Kuba yini na ukuba inkululeko yam igwetywe sesinye isazela?

30. Ke ukuba mna ndidla ndibulela, yini na ukuba ndinyeliswe ngenxa yoko ndikubulelayo mna?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10