Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:13-23 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Anibanjwanga silingo singesesabantu. Uthembekile ke uThixo, ongayi kuvumela ukuba nilingwe ngaphezu kweninako; owothi, kunye nesilingo eso, avelise ithuba lokuphuma kuso, ukuba nibe nako ukuthwala.

14. Kungoko ndithi, zintánda zam, kubalekeni ukubusa izithixo.

15. Ndithetha njengakwiingqondi; kucaluleni nina endikuthethayo.

16. Indebe yentsikelelo le siyisikelelayo, asibubudlelane na begazi likaKristu? Isonka esi sisiqhekezayo, asibubudlelane na bomzimba kaKristu?

17. Ngokuba thina, síbaninzi nje, sìsonka sinye, símzimba mnye, kuba sonke sabelana ngeso sonka sinye.

18. Khangelani abangamaSirayeli ngokwenyama. Abo bawadlayo amadini, àbadlelani nesibingelelo eso, yini na?

19. Ndíthini na ke ngoko? Ndíthi, isithixo siyinto na? Ndíthi, amadini enzelwa izithixo ayinto na?

20. Anditsho! Ndìthi, Amadini eziwenzayo iintlanga, ziwenzela iidemon, aziwenzeli uThixo. Andithandi ke ukuba nibe ngamadlelane needemon nina.

21. Aninako ukusela indebe yeNkosi nendebe yeedemon; aninako ukwabelana ngesithebe seNkosi nesithebe seedemon.

22. Siyayikhweletisa na iNkosi? Sinamandla kunayo, yini na?

23. Zonke izinto zivumelekile kum, noko azindilungele zonke; zonke izinto zivumelekile kum, noko azakhi zonke.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10