Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 10:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ke andithandi ukuba ningâzi, bazalwana, ukuba oobawo babephantsi kwalo ilifu bonke; balucanda ulwandle bonke;

2. babhaptizelwa bonke kuye uMoses efini elo naselwandle;

3. badla bonke oko kudla kunye kukokomoya;

4. basela bonke olo luselo lunye lulolomoya (kuba babesela kwiliwa elilelomoya elibe libalandela, iliwa elo ke lalinguye uKristu).

5. Kanti noko uThixo akakholiswanga ngabona baninzi; kuba bathiwa waca entlango apho.

6. Ezo zinto ke zabe ziyimizekelo kuthi, ukuze singabi ngabakhanuki bezinto ezimbi, njengokuba bakhanukáyo bona abo.

7. Kanjalo musani ukuba ngababusi bezithixo, njengenxenye yabo; njengokuba kubhaliwe kwathiwa, Abantu bahlala phantsi ukuba badle, basele, baza besuka bema ukuba badlale.

8. Kanjalo masingenzi mbulo, njengokuba inxenye yabo yenza umbulo, kwawa ngamininye amawaka amashumi mabini anamathathu.

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 10