Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 1:3-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. uthi, Makube lubabalo kuni, noxolo oluvela kuThixo uBawo wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu.

4. Ndihlala ndibulela kuye uThixo wam ngani, ngenxa yobabalo lukaThixo, awanibabala ngalo nikuKristu Yesu;

5. kuba natyetyiswa kuye ngezinto zonke, ngokuthetha konke, nangokwazi konke;

6. njengokuba ubungqina bukaKristu baqiniswayo kuni;

7. ngokokude ningasileli nakwesìnye isipho enisibabalweyo; nílindé kakhulu ukutyhileka kweNkosi yethu uYesu Kristu;

8. oya kuniqinisa nokuniqinisa ase ekupheleni, ukuze ningabi nakumangaleleka ngemini yeNkosi yethu uYesu Kristu.

9. Uthembekile uThixo, enabizelwa nguye ebudlelaneni boNyana wakhe, uYesu Kristu iNkosi yethu.

10. Ke kaloku, ndiyaniyala, bazalwana, ngalo igama leNkosi yethu, uYesu Kristu, ukuba nithethe nto-nye nonke, nokuba kungabikho zahlukahlukano kuni; ke níbe ngabalungisiweyo, nígqibelele ngqiqweni-nye, nasicamangweni sinye.

11. Kuba ndazisiwe ngani, bazalwana bam, ngabakuloKlowe, ukuba kukho iimpikiswano phakathi kwenu.

12. Ukutsho ke ndithi kuthiwa, ulowo kuni uthi, Mna ndingokaPawulos; omnye ke athi, Mna ndingoka-Apolo; omnye ke athi, Mna ndingokaKefas; omnye ke athi, Mna ndingokaKristu.

13. Wahlukahlukene na uKristu? Kwabethelelwa uPawulos yini na emnqamlezweni ngenxa yenu? Nabhaptizelwa egameni likaPawulos, kusini na?

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 1