Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kwabasekorinte 1:14-30 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ndiyabulela kuThixo, ukuba ndingabhaptizanga namnye kuni, ingenguKrispo noGayo;

15. ukuze kungabikho mntu uthi, ndabhaptizela egameni lam.

16. Ndabhaptiza ke nendlu kaStefana; ngaphandle kwabo, andazi ukuba ndabhaptiza wumbi.

17. Kuba uKristu akandithumanga kubhaptiza; wandithuma ukushumayela iindaba ezilungileyo, kungabi ngabulumko bakuthetha, ukuze umnqamlezo kaKristu ungalanjathiswa.

18. Kuba ilizwi lomnqamlezo libubudenge okunene kwabatshabalalayo; kodwa ke kwabasindiswayo, thina aba, lingamandla kaThixo.

19. Kuba kubhaliwe kwathiwa,Ndiya kubutshabalalisa ubulumko bezilumko,Ingqondo yeengqondi ndiyitshitshise.(UIsaya 29:14)

20. Síphi na ke isilumko? Uphi na ke umbhali? Uphi na ke umphiki weli phakade? UThixo akabenzanga baba bubudenge na ubulumko beli hlabathi?

21. Ekubeni ke kuthe, ebulumkweni bukaThixo, ihlabathi alamazi uThixo ngobulumko balo, kwakholeka kuThixo ukusindisa abo bakholwayo, ngabo ubudenge bokuvakalisa iindaba ezilungileyo.

22. Ekubeni ke amaYuda ecela umqondiso, amaGrike efuna ubulumko, thina okwethu sivakalisa uKristu,

23. ebethelelwe emnqamlezweni; isikhubekiso ke eso kumaYuda, ubudenge kumaGrike;

24. ke kwabo babiziweyo, amaYuda kwanamaGrike, sivakalisa uKristu ongamandla kaThixo, nobulumko bukaThixo.

25. Ngokuba into kaThixo ebubudenge ilumkile kunabantu, nento kaThixo engenamandla yomelele kunabantu.

26. Kuba luboneni ubizo lwenu, bazalwana, ukuba azizininzi izilumko ngokwenyama, àbabaninzi abanamandla, akamaninzi amanene.

27. UThixo usuke wanyula izinto ezibubudenge zehlabathi, ukuze azidanise izilumko; nezinto ezingenamandla zehlabathi usuke uThixo wazinyula, ukuze azidanise izinto ezomeleleyo;

28. nezinto zehlabathi ezingenabuntu, nezingento yanto, wazinyula uThixo, nezingáthi azikho, ukuze aziphuthise izinto ezikhoyo;

29. ukuze kungaqhayisi namnye umntu emehlweni akhe.

30. Ke niphuma kuye, nina bakuKristu Yesu, owathi ngenxa yethu waba bubulumko obuvela kuThixo, nobulungisa kwanobungcwalisa nentlawulelo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kwabasekorinte 1