Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 6:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. ukuba uwugcine umthetho lo, ungabi nabala, ungabi nakukhalazelwa, kude kufike ukubonakala kweNkosi yethu uYesu Kristu,

15. aya kukubonakalisa ngawakhe amaxesha; lowo usikelelekileyo, ukuphela konamandla, uKumkani kakumkani, uNkosi kankosi;

16. okuphela konokungafi, ehleli ekukhanyeni okungenakusondelwa; ekungekho namnye kubantu owakha wambona, nonako ukumbona; kuye makubekho imbeko namandla angunaphakade. Amen.

17. Abazizityebi kweli phakade langoku bathethele bangakratshi, bangathembeli butyebini bungagqalekiyo; mabathembele kuThixo ophilileyo, obeka phambi kwethu izinto zonke ngokobutyebi, ukuba zidliwe;

18. benze okulungileyo, babe zizityebi zemisebenzi emihle, babe nokwaba kakuhle, babe nobudlelane;

19. baziqwebele isiseko esihle, base exesheni eliza kuza, ukuze babubambe ubomi obungunaphakade.

20. Wa, Timoti, loo nto uyiphathisiweyo yigcine, uphambuke ezintethweni ezingezizo, ezihlambelayo, nakwiinkcaso zokwazi, okubizwa njalo kuxokwa;

21. ábasuke abathile, bethe banako oku kwazi, baluphosa ukholo.Ubabalo malube nawe. Amen.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 6