Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 5:6-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

6. Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.

7. Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.

8. Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.

9. Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,

10. engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondlé abantwana, ukuba wamkéle iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.

11. Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;

12. benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.

13. Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 5