Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 5:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.

5. Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.

6. Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.

7. Bathethele ezi zinto, ukuze bangabi nakukhalazeleka.

8. Ukuba ke umntu akabakhathalele abakhe, ngokukodwa abendlu yakhe, ulukhanyele ukholo, unobubi ngaphezu kongakholwayo.

9. Makangabalelwa enanini labahlolokazi umhlolokazi ongaphantsi kweminyaka emashumi mathandathu; owayengumfazi wandoda-nye,

10. engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondlé abantwana, ukuba wamkéle iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.

11. Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;

12. benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 5