Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 5:10-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. engqinelwe ngemisebenzi emihle, ukuba wondlé abantwana, ukuba wamkéle iindwendwe, ukuba uzihlambile iinyawo zabangcwele, ukuba ubasizile ababandezelweyo, ukuba usukelene nemisebenzi yonke elungileyo.

11. Ke bona abahlolokazi abatsha bamangale; kuba xa bathe badimala nguKristu, bothanda ukwenda;

12. benesigwebo sokuba balutshitshisile ukholo lokuqala.

13. Kunye noko ke bafunda ukungasebenzi nto, bethungelana nezindlu; banganeli kungasebenzi nto kodwa, basuka kananjalo babe ngamapholopholo, bazifake kwizinto zabanye, bathethe izinto ezingafanelekileyo.

14. Ngoko ndinga abahlolokazi abatsha bangenda, bazale, babe ngabanikazi-mizi, bangamniki ochasayo nalinye ithuba lokutshabhisa.

15. Kuba inxenye iseyiphambukele emva koSathana.

16. Ukuba kukho ikholwa, nokuba likholwakazi, elinabahlolokazi, malibasize, lize ibandla lingasindwa, ukuze lona lisize abangabahlolokazi ngenene.

17. Amadoda amakhulu, awongamela kakuhle, makabalelwe ekuthini afanelwe yimbeko ephindwe kabini, ngokukodwa lawo abulalekayo elizwini nasemfundisweni.

18. Kuba sítsho isibhalo ukuthi, Uze ungayibophi umlomo inkomo ibhula; nokuthi, Umsébenzi uwufanele umvuzo wakhe.

19. Ukumangalelwa kwendoda enkulu musa ukukwamkela, kungabangakho mangqina mabini nokuba mathathu.

20. Abo bonayo, bohlwaye emehlweni abantu bonke, ukuze nabanye aba babe nokoyika.

21. Ndiyakuqononondisa emehlweni kaThixo, neNkosi yethu uYesu Kristu, nezithunywa zezulu ezinyuliweyo, ukuba uzigcine ezi zinto ungaqali ugwebe, ungenzi nto ngokwayama bani.

22. Ungangxami ubeke izandla phezu kukabani, kanjalo ungadlelani nabanye ngezono zabo; zigcine nyulu.

23. Musa ukuba sasela manzi; sela intwana yewayini, ngenxa yesisu sakho, nobulwelwe bakho obufuthi.

24. Izono zabanye abantu zisekuhleni kanye, ziyandulela ukuya emgwebeni; abanye ke ziyabalandela nokubalandela.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 5