Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 5:1-6 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Indoda enkulu musa ukuyithethisa kabukhali, yiyale njengoyihlo; amancinane, njengabazalwana;

2. abafazi abakhulu, njengoonyoko; abancinane, njengoodade, unobunyulu bonke.

3. Babeke abahlolokazi abangabahlolokazi ngenene.

4. Ke ukuba kukho mhlolokazi uthile unabantwana, nokuba ngabazukulwana, ukuqala mabafunde ukuhlonela elabo ikhaya, bababuyekezele umbuyekezo ooninakhulu; kuba oko kuhle, kwamkelekile emehlweni kaThixo.

5. Ke yena ongumhlolokazi ngenene, eshiywe yedwa, uthembela kuThixo; uhlala ehleli ekukhungeni nasemithandazweni ubusuku nemini.

6. Kodwa yena oxhamla iziyolo ufile, nakuba ngathi udla ubomi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 5