Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 4:13-16 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Nyamekela imfundo, uvuselelo, imfundiso, ndide ndifike.

14. Ungasihilizeli isipho esingokubabalwa, esikuwe; owasinikwayo ngesiprofeto, kunye nokubekwa izandla yintlanganiso yamadoda amakhulu.

15. Zinyamekele ezo zinto, hlala kwezo zinto, ukuze ukuhambela kwakho phambili kubonakale kwinto yonke.

16. Zilumkele wena nemfundiso yakho; hlala uhleli kwezo zinto; kuba ngokwenza oko, wozisindisa wena, ubasindise nabo bakuvayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 4