Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 2:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;

2. ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.

3. Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;

4. onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.

5. Kuba mnye uThixo; mnye nomlamli phakathi koThixo nabantu, umntu uKristu Yesu,

6. lowo wazinikelayo ukuba abe yintlawulelo yokukhulula abantu bonke; ubungqina ke obo bokungqinwa ngamaxesha angawabo;

7. endithe ndamiselwa bona mna, ukuba ndibe ngumshumayeli nompostile* (ndithetha inyaniso ndikuKristu, andixoki), umfundisi weentlanga elukholweni nasenyanisweni.

8. Ngoko ndinga angathandaza amadoda kuzo zonke iindawo, ephakamisa izandla ezingcwele, engenangqumbo, engenantandabuzo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 2