Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 2:1-4 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Ndiyavuselela ngoko kuqala kwiinto zonke, ukuba kwenziwe izikhungo, imithandazo, izibongozo, imibulelo, ngenxa yabantu bonke;

2. ngenxa yookumkani nabo bonke abasekongameni, ukuze sihlale ngokonwaba nangokuzola, sinokuhlonela uThixo, nokundileka konke.

3. Kuba oku kuhle, kwamkelekile emehlweni oMsindisi wethu uThixo;

4. onga yena bangasindiswa bonke abantu, bafikelele ekuyazini inyaniso.

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 2