2. ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu.
3. Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi;
4. kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zingahambisi lona ulwakho lukaThixo olungokholo.