Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 1:10-18 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;

11. ngokweendaba ezilungileyo zozuko lukaThixo osikelelekileyo, endaphathiswa zona mna.

12. Kananjalo ndinombulelo kowandomelezayo, uKristu Yesu iNkosi yethu, kuba wandibalela ekuthini ndithembekile, endimisela ebulungiselelini;

13. nakuba ngaphambili ndandingumnyelisi, nomtshutshisi, nomphathi kakubi; ndesuka ndenzelwa inceba, ngokuba ndakwenza oko ndingazi, ndisekungakholweni;

14. ke lwanda ngokuncamisileyo ubabalo lweNkosi yethu, lunokholo nothando olukuKristu Yesu.

15. Lithembekile ilizwi eli, lifanelwe kukwamkelwa konke, eli lokuba uKristu Yesu weza ehlabathini ukuba asindise aboni; endingomkhulu kubo mna;

16. noko ke ndesuka ndenzelwa inceba ngenxa yoku, ukuze uYesu Kristu akubonakalalisele kum, mna ungomkhulu, konke ukuzeka kade umsindo, ndibe ngumzekelo kwabo baza kukholwa kuye, base ebomini obungunaphakade.

17. Ke kaloku, kuye uKumkani wawo amaphakade, ongenakonakala, ongenakubonakala, kuThixo olumkileyo yedwa, makubekho imbeko nozuko, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

18. Olu yalo ndilubeka phambi kwakho, mntwana wam Timoti, ngokweziprofeto ezandulelayo ngawe, ukuze ulwe ngazo ukulwa okuhle,

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 1