Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kutimoti 1:1-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. UPawulos, umpostile* kaYesu Kristu, ngokommiselo kaThixo uMsindisi wethu, neNkosi yethu uYesu Kristu, iThemba lethu,

2. ubhalela uTimoti, umntwana wakhe kanye ngokwaselukholweni; uthi, Makube lubabalo, inceba, uxolo, oluvela kuThixo uBawo, noKristu Yesu iNkosi yethu.

3. Njengoko ndakuyalayo ukuba uhlale e-Efese, ndakuba mna ndisiya kwelaseMakedoni, ndenjenjalo ukukuyala nangoku, ukuze ubathethele abanye, bangafundisi mfundiso yimbi;

4. kananjalo banganyamekeli zintsomi namilibo yakuzalwa engaphele ndawo, izinto ezo ezibanga iimbuzwano, zingahambisi lona ulwakho lukaThixo olungokholo.

5. Ke intsingiselo yoyalo iluthando oluphuma entliziyweni ehlambulukileyo, nasesazeleni esilungileyo, naselukholweni olungahanahanisiyo;

6. abathe abathile, beziphosile ezo nto, baphambukela ekuthetheni okungento yanto;

7. bethanda ukuba ngabafundisi bomthetho, phofu bengaziqiqi izinto abazithethayo, kwanezo bazingqinayo.

8. Siyazi ke ukuba umthetho mhle, ukuba umntu uthi awuphathe ngokomthetho;

9. ngokwazi oku, ukuba umthetho lo awuwiselwe lungisa, uwiselwe ke abachasene nomthetho, nabangenakululama, abangahloneli Thixo, nabangaboni, abangengcwele, nabahlambeli, ababethiyise nababethi-nina, izigwinta,

10. abenzi bombulo, amadoda alalanayo, amasela abantu, amaxoki, amafunga-buxoki, nokuba kukho nto yimbi ichasene nemfundiso ephilileyo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kutimoti 1