Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 4:19-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

19. Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.

20. Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angáthini na ukumthanda uThixo angambonanga?

21. Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 4