Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 4:13-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

13. Sazi ngale nto ukuba sihleli kuye, naye uhleli kuthi; ngokuba usinike okoMoya wakhe.

14. Sibonile thina, siyangqina, ukuba uYise umthumile uNyana ukuba nguMsindisi wehlabathi.

15. Othe wavuma ukuba uYesu unguye uNyana kaThixo, uThixo uhleli kuye, naye uhleli kuye uThixo.

16. Sikwazile thina, sakholwa kukusithanda kukaThixo.UThixo uluthando; lowo uhleli eluthandweni uhleli kuye uThixo, noThixo uhleli kuye.

17. Lugqibelele ngale nto uthando olukuthi, ukuze sibe nokungafihlisi ngomhla womgwebo; ngokuba, njengoko anjalo yena, sinjalo nathi kweli hlabathi.

18. Akukho loyiko eluthandweni; lusuka uthando olugqibeleleyo luluphose phandle uloyiko; ngokuba uloyiko lunexhala; lowo ke woyikayo akagqibelele eluthandweni.

19. Thina siyamthanda, ngokuba yena wasithanda kuqala.

20. Ukuba umntu uthe, Ndiyamthanda uThixo, wamthiya umzalwana wakhe, ulixoki; kuba lowo ungamthandiyo umzalwana wakhe ambonileyo, angáthini na ukumthanda uThixo angambonanga?

21. Nguwo lo umthetho esinawo uvela kuye: ukuba athi lowo umthandayo uThixo, amthande nomzalwana wakhe.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 4