Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 4:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Zintanda, musani ukukholwa ngoomoya bonke, bacikideni oomoya ukuba ngabakaThixo na; ngokuba baninzi abaprofeti ababuxoki, abaphumé bangena ehlabathini.

2. Mazini ngale nto uMoya kaThixo: umoya wonke omvumayo uYesu Kristu ezé esenyameni, ungokaThixo;

3. nomoya wonke ongamvumiyo uYesu Kristu ezé esenyameni, asingokaThixo; lo ngokamchasi-Kristu, lowo niwuvileyo ukuba uyeza; nangoku uselukho ehlabathini.

4. Nina ningabakaThixo, bantwanana, nibeyisile bona; ngokuba lowo ukuni nguyena mkhulu kunalowo usehlabathini.

5. Bona ngabehlabathi; ngenxa yoko bathetha okwehlabathi, ihlabathi liyabeva ke.

6. Thina singabakaThixo, lowo umaziyo uThixo uyasiva thina; ongengokaThixo akasiva. Siwazi ngaloo nto umoya wayo inyaniso, nomoya walo ulahlekiso.

7. Zintanda, masithandane; ngokuba uthando lwaphuma kuThixo. Bonke abanothando bazelwe nguThixo, bayamazi uThixo.

8. Lowo ungenaluthando akazanga amazi uThixo, ngokuba uThixo uluthando.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 4