Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 3:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi woné kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.

9. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo.

10. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa àbangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.

11. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;

12. singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.

13. Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile.

14. Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 3