Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 3:4-12 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.

5. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.

6. Bonke abahlala kuye àboni; bonke abonáyo abambonanga, abamazanga nokumazi.

7. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.

8. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi woné kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.

9. Bonke abazelwe nguThixo abenzi sono, ngokuba imbewu yakhe ihleli kubo; kananjalo abanakona, ngokuba bezelwe nguThixo.

10. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa àbangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.

11. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;

12. singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 3