Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 3:14-24 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.

15. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.

16. Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.

17. Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?

18. Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.

19. Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe.

20. Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.

21. Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo;

22. nesithi sikucele siyakwamkela kuye, ngokuba imithetho yakhe siyigcina, sizenze izinto ezikholekileyo emehlweni akhe.

23. Nguwo lo umthetho wakhe, ukuba sikholwe ligama lonyana wakhe, uYesu Kristu, sithandane njengoko wasiwiselayo umthetho.

24. Lowo uyigcinayo imithetho yakhe uhleli kuye, naye uhleli kulowo. Sazi ngale nto ke, ukuba uhleli kuthi ngoMoya lo wasinikayo.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 3