Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 3:10-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

10. Babonakala ngaloo nto abantwana bakaThixo, nabantwana bakaMtyholi. Bonke abangenzi bulungisa àbangabakaThixo, nalowo ungamthandiyo umzalwana wakhe.

11. Ngokuba le yintshumayelo enayivayo kwasekuqalekeni, ukuba sithandane;

12. singabi njengoKayin, obengowongendawo, wambulala umninawa wakhe. Wambulalelani na? Ngokuba imisebenzi yakhe ibingendawo, ke yona eyomninawa wakhe ibinobulungisa.

13. Musani ukumangaliswa, bazalwana bam, ukuba ihlabathi linithiyile.

14. Thina siyazi ukuba sidlule ekufeni, sangena ebomini, ngokuba sibathanda abazalwana. Lowo ungamthandiyo umzalwana uhleli ekufeni.

15. Lowo umthiyileyo umzalwana wakhe usisibulala-mntu; niyazi ukuba akukho sibulala-mntu sinobomi bungunaphakade buhleliyo kuso.

16. Ngale nto silwazile uthando, kuba yena wasincamela ubomi bakhe; nathi ke sifanele ukubancamela abazalwana ubomi bethu.

17. Osukuba ke enayo impilo yeli hlabathi, aze ambone umzalwana wakhe eswele, azivalele iimfesane zakhe kuye, luthini na ukuhlala uthando lukaThixo ngaphakathi kwakhe?

18. Bantwanana bam, masingathandi ngazwi nangamlomo; masithande ngezenzo nangenyaniso.

19. Siyazi ngale nto ke ukuba singabenyaniso; siya kuzileleza iintliziyo zethu phambi kwakhe.

20. Ngokuba ukuba intliziyo yethu iyasigweba, uThixo mkhulu kunentliziyo yethu, ezazi izinto zonke.

21. Zintanda, ukuba intliziyo yethu ayisigwebi, sinokungafihlisi kuye uThixo;

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 3