Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 3:1-8 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

1. Bonani uthando olungaka asenzele lona uYise, olu lokuba sibizwe ngokuba singabantwana bakaThixo. Ngenxa yoko ihlabathi alisazi thina, ngokuba lingamazanga yena.

2. Zintanda, ngoku singabantwana bakaThixo. Akukabonakali ke into esiya kuba yiyo; ke siyazi ukuba, xa athe wabonakala, sofana naye; ngokuba siya kumbona njengoko anjalo.

3. Bonke ábanalo eli themba kuye, bazenza nyulu, njengokuba yena enyulu.

4. Bonke abasenzayo isono benza okuchasene nomthetho; sona isono sikukuchasana nomthetho.

5. Niyazi ke ukuba yena wabonakaliswa, ukuze azithwale azisuse izono zethu; kananjalo akukho sono kuye.

6. Bonke abahlala kuye àboni; bonke abonáyo abambonanga, abamazanga nokumazi.

7. Bantwanana, makungabikho namnye unikhohlisayo; lowo ubenzayo ubulungisa lilungisa, njengokuba yena elilungisa.

8. Lowo usenzayo isono ungokaMtyholi; ngokuba uMtyholi woné kwasekuqalekeni. Wabonakaliselwa oku uNyana kaThixo, ukuze ayichithe imisebenzi kaMtyholi.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 3