Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 2:3-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

3. Sazi ngale nto ukuba siyamazi, ngokuthi siyigcine imithetho yakhe.

4. Lowo uthi, Ndimazile, abe engayigcini imithetho yakhe, ulixoki, kulowo ayikho inyaniso.

5. Ke othi aligcine ilizwi lakhe, okwenyaniso uthando lukaThixo lugqibelele kulowo; sazi ngaloo nto ukuba sikuye.

6. Lowo uthi uhleli kuye, ufanele ukuthi, njengoko wahambayo yena, enjenjalo ukuhamba naye.

7. Bazalwana, andinibhaleli mthetho mtsha; ngumthetho omdala, ebeninawo kwasekuqalekeni. Umthetho omdala ke lilizwi enalivayo kwasekuqalekeni.

8. Ndibuya ndinibhalele umthetho omtsha, okuyinene oko kuye nakuni; ngokuba ubumnyama buyadlula, kwaye ukukhanya okuyinyaniso sekubonakala.

9. Lowo uthi usekukhanyeni, abe emthiyile umzalwana wakhe, usebumnyameni unangoku.

10. Lowo umthandayo umzalwana wakhe uhleli ekukhanyeni, akanasikhubekiso.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 2