Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 2:23-29 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

23. Bonke abamkhanyelayo uNyana, àbanaye noYise.

24. Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.

25. Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.

26. Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.

27. Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.

28. Ngoku ke, bantwanana, hlalani kuye, ukuze xa athe wabonakalaliswa, sibe nokungafihlisi, singadani, simbaleke ekufikeni kwakhe.

29. Ukuba niyazi ukuba ulilungisa, yazini ukuba bonke abenza ubulungisa bazelwe nguye.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 2