Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 2:22-27 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

22. Ngubani na ixoki, ingenguye okhanyelayo ukuba uYesu unguye uKristu?* Lowo ungumchasi-Kristu, omkhanyelayo uYise noNyana.

23. Bonke abamkhanyelayo uNyana, àbanaye noYise.

24. Nina ngoko, oko nakuvayo kwasekuqalekeni makuhlale kuni. Ukuba kuthi kuhlale kuni oko nakuvayo kwasekuqalekeni, nani niya kuhlala kuye uNyana, nakuye uYise.

25. Lilo eli idinga, awalibekayo ngokwakhe kuthi, ubomi obungunaphakade.

26. Ezo zinto ndinibhalele ngabo banilahlekisayo.

27. Nina intambiso enayamkelayo kuye ihleli kuni, aniswele kwakuba nifundiswe ngubani; kunjengokuba kwaloo ntambiso inifundisa ngeento zonke, iyinene, ingebuxoki; njengokuba ke yanifundisayo, hlalani kuye.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 2