Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kayohane 2:14-21 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

14. Ndanibhalela, boyise, ngokuba nimazile owasekuqalekeni. Ndanibhalela, madodana, ngokuba nomelele, laye ilizwi likaThixo lihleli kuni, nimoyisile ke ongendawo.

15. Musani ukulithanda ihlabathi, kwanezinto ezisehlabathini. Ukuba kukho othi alithande ihlabathi, uthando lukaYise alukho kuye.

16. Ngokuba konke okusehlabathini, inkanuko yenyama, nenkanuko yamehlo, noqhankqalazo lobu bomi, asikokuphuma kuye uYise, kokuphuma ehlabathini.

17. Ihlabathi ke liyadlula, nenkanuko yalo; ke yena owenza ukuthanda kukaThixo uhleli ngonaphakade.

18. Bantwana, lilixa lokugqibela eli; njengoko nevayo ukuba umchasi-Kristu uyeza, nangoku kuthe kwabakho abachasi-Kristu abaninzi, ekuthe ngoko sazi ukuba lilixa lokugqibela.

19. Báphuma kuthi, babengengabo abethu; kuba, ukuba babengabethu, ngebahlalayo nathi. Báphuma ukuze babonakale, ukuba bonke babengengabo abethu.

20. Nina ninentambiso evela koyiNgcwele, niyazazi ke izinto zonke.

21. Andinibhalelanga ngakuba ningàyazi inyaniso; ndinibhalele ngokuba niyazi, nangokuba kungekho buxoki buphuma enyanisweni.

funda isahluko epheleleyo 1 Kayohane 2