Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 5:8-14 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

8. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;

9. mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

10. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nákuba nivé ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

11. Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

12. NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lúbabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.

13. Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa.

14. Bulisanani ngolwango lothando.Uxolo malube kuni nonke enikuKristu. Amen.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 5