Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 5:4-13 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

4. Nòthi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.

5. Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.

6. Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.

7. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.

8. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;

9. mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

10. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nákuba nivé ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

11. Kuye makubekho uzuko namandla, kuse emaphakadeni asemaphakadeni. Amen.

12. NgoSilvano, umzalwana othembekileyo, njengoko ndicinga ngako, ndibhale kuni ngokufutshane, ndivuselela, ndingqina ukuba olu lúbabalo oluyinene lukaThixo, nimiyo kulo.

13. Liyanibulisa ibandla eliseBhabheli, elinyuliweyo kunye nani; noMarko unyana wam uyabulisa.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 5