Testamente Endala

Testamente Entsha

1 Kapetros 5:2-10 Izibhalo Ezingcwele (XHO75)

2. Walúseni umhlambi kaThixo ophakathi kwenu, niwuvelela, kungengakunyanzelwa, makube ngokokuzithandela; kungengenxa yenzuzo embi, makube ngokuthumekelela;

3. kungabi njengabazigagamelayo izahlulo zawo, yibani yimizekelo kumhlambi.

4. Nòthi, akubonakala uMalusi oyintloko, nisifumane isithsaba salo uzuko esingabuniyo.

5. Ngokunjalo, nina manci, wathobeleni amadoda amakhulu. Thobelanani nonke ke, ninxibe ukuthobeka kwentliziyo; ngokuba uThixo uyabachasa abanekratshi, abababale ke abazithobileyo.

6. Zithobeni ngoko ngaphantsi kwesandla esinamandla sikaThixo, ukuze aniphakamise ngexesha elifanelekileyo.

7. Lonke ixhala lenu liphoseni phezu kwakhe, ngokuba yena enikhathalele.

8. Yibani nobungcathu, phaphani; ngokuba ummangaleli wenu, uMtyholi, uhamba njengengonyama egqumayo, efuna ubani angamginyayo;

9. mchaseni lowo, nizimasekile elukholweni, nisazi ukuba kwaezo ntlungu ziyenzeka kubo abazalwana benu abasehlabathini.

10. Ke kaloku uThixo walo lonke ubabalo, owasibizelayo eluzukweni lwakhe olungunaphakade, sikuKristu Yesu, wanga angathi ngokwakhe, nákuba nivé ubunzima umzuzwana, anilungise nigqibelele, anizimase, anomeleze, anisekele.

funda isahluko epheleleyo 1 Kapetros 5